Village Scribe Association
Village Scribe Association
Umbutho wophuhliso lolwazi oluphezulu nophuhliso kunxibelelwano kwezochwephesho
i-Village Scribe Project
Kwithuba lokujonga lokuqala ummeli welali anganakho ukuthenga i-license yokusebenzisa i-lab yesikolo. Isikolo singahlawula xa kukho umonakalo okanye sithenge izixhobo ezitsha ngomrhumo we-license. Kwelakhe icala ummeli welali uyakucela umrhumo wezinikezelo kumalungu omphakathi asebenzisa esosinikezelo ummeli welali asizisayo. Le ingayinzuzo ngokungakumbi kubantu abangafundanga abangakwaziyo ukufunda imbalelwano (emails) okanye abangakwaziyo ukufuna ulwazi. Lemirhumo ingayingeniso yommeli welali. Ukufaka ixabiso lemali namaxabiso kukokonke okuqhubekayo kubalulekile ekukhuthazeni abammeli belali ukuze bacinge ngokoosomashishini yaye basebenzise namathuba.
Ummeli welali kuyakufuneka afeze imiqathango eliqela. Kuyakufuneka enezakhono ezibalulekileyo ekuphatheni i-computer hard- ne-software yaye alungise iziphoswana ezincinane namagqwithigqwithi. Kufuneka avunywe ngosemagunyeni kumphakathi yaye afundiswe ngokwaneleyo ukuze ancedane nabanye abasebenzisa i-computer okanye abantu abangaqondiyo ekufumaneni izinto kunye ne-Internet. Nangaphezulu, kufuneka agqibe ukuba ngubani onokusebenzisa ii-computer engajongwanga nokuba ngubani ekufuneka ajongwe nje. Okokugqibela, ummeli welali kufuneka enesakhono sokuphatha iincwadi zemali nokuqhuba ishishini. Sinenkolelo yokuba umqondiso wokuzimela kwe-project yethu kukuba abafundi benkqubo yethu yokufundisa bayakuphumelela babe ngabammeli belali abazimisele ekuhlaleni kwimiphakathi abasuka kuyo de bayiphucule.
Indlela, imiqathango nabaxhasi
Imeko enqwenelekayo yokwabelana ngezitho neyokusebenzisa i-lab ngokwamandla ayo onke iyakuba kukuba i-computer lab yesikolo isetyenziswe ngummeli welali emveni kokuba izifundo zesikolo zigqityiwe. Lonto iyakuba njalo ubukhulu becala. Ngelishwa, ngezizathu eziliqela kunzima ukubeka ummeli welali esikolweni ixesha elide kunethuba lokukhangela leenyangana ezimbalwa. Ebudeni bexesha, ummeli welali kufuneka azithengele ezakhe izixhobo i-computer aze angene nakwi-Internet, mhlawumbi asebenzise umbane wesikolo okanye weny’ indawo. Isizathu soku kukuba isikolo nezinto zaso zezeSebe Lezemfundo (DoE) yaye asinakusetyenziselwa ukwenz’ imali ngumntu weshishini – kulendima ummeli welali – okusisigxina (nangona oko kunakho ukuxoxelwa phantsi kweemeko ezithile.
Ngethamsanqa uMzantsi Afrika uqhuba iqela leenkqubo ezenzelwe ukuphuhlisa abantu zize ziphuculu ukufumaneka. Eyana ithee gca yi-Universal Service Access Agency of SA (USAASA). Bangoyena gxa uthe gca onokunceda ekwandiseni i-project yaye selesixoxa nabo ngamathuba ee-project ezinezinikezelo ngendlela enceda ukuzimela. i-USAASA, okanye eminye imibutho enjenagayo, ingamnceda ummeli welali akwazi ukuqala ngokumnika imboleko efikelelekayo ngenzala encinane okanye ingabi sabakho ukuze ajongane neemfuno izixhobo zokuqalisa ze-computer bancede nangeendleko zokuqhubekeka. Iindlekwana ezincinane zommeli welali zingafuna ukuncediswa kancinane nazo, ukuze abammeli belali abaninzi bancedakale nabo.
Ngcaciso nge-Project i-eRhulumente i-eCommerce Umfuziselo Wethu Inkqubela Yangoku