Umbutho wophuhliso lolwazi oluphezulu nophuhliso kunxibelelwano kwezochwephesho
Umbutho wophuhliso lolwazi oluphezulu nophuhliso kunxibelelwano kwezochwephesho
Village Scribe Association
Ukomelezwa, iPolitiki neMfundo kuMsebenzi Wokuphuhlisa
iiNkalo-eziNtlu-Ntathu wokuzikhulisa kwicala lezemali uyibeka ngelithi ukuzikhulisa kwezemali kongafumaneka kuphela xa iinjongo zemvelo, zomphakathi nezoqoqosho ziqhutywa ngaxeshanye yaye zinikwa ingqwalasela elinganayo ngokuba le kuphela kwendlela esinokuqinisekisa siphakamise indalo, ezoqoqosho kunye nokukhuthala kumphakathi. Okutheth’ ukuthi ezinkalo zintathu ziphothene minxi. Icandelo lemfundo kumfuziselo womphakathi yeyona iphambili ngamandla kumgaqo wamaJamani. ezinkalo mithathu yokukhulisa ukuzimela yasoloko incedisana neyesine ngamanye amaxesha – inkalo okanye ibala lokufakela okanye abaphathi bepolitiki. Lomfuziselo wokugqibela ubaluleke nangakumbi apha eMzantsi Afrika: ukuXhotyiswa kwemiphakathi okanye abantu malunga neendlela zokuzimela ingenzeka kuphela xa ulawulo luphethwe nangubanina, nto leyo ingafane yenzeke ngokwesithethe apha kumphaki woMzantsi we-Africa.
uMbutho Wabameli Bomphakathi ugxininisa ukuzimela kwee-project zawo ngesizathu nje esisodwa sokuba akukho nto iyenye iyakuzisa ixabiso elikhulu kumphakathi. I-project enokuzimela yile izivelele zone ezinkalo zokhuliso lokuzimela ngaphakathi emphakathini ukuze ibe yinxenye yoluntu nobomi obuyinxenye yololuntu, izise ixabiso nempucuko kwizizukulwana ezininzi. Uluhlu lwethu lungqamana ubukhulu becala nombono we-Federal Government yamaJamani. Ukuzimela kungenzeka kuphela xa imfundo inikwa ingqwalasela ekhethekileyo. Imfundo isisitshixo sengqiniseko yomntu, indlela entle yokuziphatha, ukulazi eloxabiso, kuze ngoko ekugqibeleni kukhokelele kwimpulelo ye-project, kunye nokuqhubekeka okuzimeleyo kwe-project ngaphaya kwecala lokuqala ebeliqingqiwe.
Enye imbonakalo yemfundo kukubonakala kokuzalana kunye nobani, kwabanye nehlabathi. Sinenkolelo yokuba indlela yokwenza yethu kumsebenzi wophuhliso ifaneleke ncakasa ekufundiseni amalungu omphakathi. Sizamela ukunika imiphakathi amathuba okufumana ezawo iindlela zokuzifundisa, ngoncedo lwethu, intlawulo yethu nemingeni evelayo, ukubazisa nokuzichaza kwabo kunye nokuncokola. Sifuna abantu baze nolwazi olunzulu lweengxaki zabo bafumane izisombululo ezifanele izithethe zabo, ubungakanani begalelo, iimfuno zemeko kunye nokunxulumana koluntu, ukuze kwenzeke imeko yepoliti yoluntu ephumelelayo. Indlela yethu yokuphuhlisa umsebenzi wokuzikhulisa. Ukufakwa kwabalamaxesha, ubuchwepheshe bee-computer obuphangaleleyo bomelele kwindawo ezingakhathalelekanga (marginalised rural areas – MRAs), ziqukwa nemfundo efunekayo, zifakwe kwisiseko soqeqesho, ukwenza kubelula kweemfuneko nokufakwa kwethuba elifanelekileyo, sisiseko sombono wethu sokugcina umsebenzi wokhuliso. Lombono uqinisa zontathu iinkalo zokukhulisa, esizibiza ngokuba zezoluntu, ezemali nezobunkokheli. UMbutho wabaMeli beeLali une-project zophuhliso eziliqela iziluqilima, ezinxibeleleneyo ukwenzela ukuxhobisa ezizakumiswa ngokulandelelana ukufikelela kulenjongo yebhongo. Ezi-project zilandela kweyimpumelelo ephambi kwazo i-Zwelenqaba School Project. Sisebenzela ukusebenzisa amandla elanga aphinda asebenziseke kangangoko sinakho kwezi-project zethu, oko kukuzama ukucutha ifuthe lwezinto esizenzayo kokusingqongileyo.
Indlela esikungena ngayo ukuzimela komsebenzi wophuhliso
Ukufakelwa kobuchwepheshe balamaxesha kwiindawo ezisemaphandleni ezingakhathalekanga (MRAs), zidibene nemfundo eyimfuneko, zikwimo yoqeqesho, ukwenziwa lula kwezibonelelo nokuvezwa kwamathuba okwenza ingeniso, iyeyona nto iphambili kumsebenzi wethu wophuhliso oluzimeleyo. Lendlela iphendula izintlu ezintathu zokuzimela, esingazibiza ngokuba zezoluntu, ezengeniso nezokuphatha. uMbutho Wabameli Belali unee-project zophuhliso eziliqela eziluqilima, ezijonge phambili, zinxibelelana zokuxhasa esizakuziseka ngokulandelelana ukuze sifikelele kulenjongo yebhongo. Ezi-project zilandela ekhondweni lwephambi kwazo eyimpumelelo i-Solar School Computer Project. Sijongise ekusebenziseni amandla aphinda asetyenziswe kangangoko sinakho kuzo zonke ii-project zethu, sikwenza oko sizama ukucutha ifuthe lwemisebenzi yethu kwindalo.
ii-Project esizixhasayo
Engaphambili i-Solar School Computer Project
i-Project yokuqala i-ECSPIRT Project
ii-Project Ezilandelayo i-Village Scribe Project (kuquka i-eGovernment ne-eCommerce Project)
Funda Injongo Yethu
Buyela kwi-Ukuzazisa