i-Village Scribe Association
Umbutho wophuhliso lolwazi oluphezulu nophuhliso kunxibelelwano kwezochwephesho
Nceda ekwandiseni ulwazi nomqondo!
Iindaba (isiXhosa)
Iindaba (English)
i-Solar School Computer Project (01/08/08)
OKUTSHA – kukwividiyo ngoku!
Injongo Yethu
Kukucinga, kukubumba, kukusebenzisa, nokuxhasa okwalemihla, okuqaqambileyo ukwazi nokunxumelelana kwe-technologies okunceda abantu kumazwe asakhasayo ukuba bazimele geqe kwezezimali. Kubaluleke ngokukhethekileyo ke kuthi ukuba zonke i-project esizixhasayo ziphumelele. Ukuba sifikelela njani kulenjongo yamabhongo, ungafunda phantsi kwezihloko ezithi: Injongo Yethu no-Projects.
Imvela phi
Siliqela labantu abafuna ukwandisa imibono yabantu abangathathi ntweni sandise kunye namathuba abo. Ingqwalasela yethu ilele ekuphuhliseni imfundo yabantu abasokolayo ukuze banganeli nje kukukwazi ukuzinceda, koko bandise ulwazi lwabo ngokuba ngabo nangamathuba abo.
Umqweno Wethu
Umbutho wethu ukhokela yaye uxhase ezinye ii-project ezisaqhubekayo. Kwithuba elizayo, ii-project ezintsha zingaqaliswa zikhuliswe kusetyenziswa amava okwenza azuzwe kwii-project zangaphambili.
Mininzi iminqweno esenokukhokelwa; i-project yokuqala emqoka yokuqala yindibaniselwano yindibaniselwano lonxibelelwano likazwelonke yee-project zethu i-ECSPIRT Project ne-Village Scribe Project ebalulekileyo. Lendibaniselwano iquka izikolo (ootitshala, abafundi, abazali), abafundi basedyunivesiti, abaxhasi ngemali (abantu, iinkampani, imibutho), namalungu namalungu ameleyo axhasa apapashe umbutho wethu. Umbutho ujongene nomsebenzi we-ofisi, ukuphatha izipho kunye nengeniso yobulungu, ukwadlala njengetyathanga phakathi kwabaxhasi ngemali namalungu ee-project eziqhubekayo kunye nabalingane abaphakathi kwee-project nabalingane bezikolo. Nangaphezulu, ukwangumqali kwiizenzeko (iintetho, iimfundiso, njalonjalo) kunye nendawo yemibuzo neengxaki.
Umbutho uyila iqonga elizakuvumela onke amaqela onxibelelwano ancokole omnye nomnye, umzekelo: kwi-website ye-Village Scribe. Oko kukuthi eyona njongo yombutho iyakuba kukulawula nokukhuthaza imibono nempikiswano eyakhayo. Kulendawo, bonke abahlali ngaphambili bakube belingana nawo onke amanye amalungu, bakwazi ukuphikisa okanye baphakamise imicamango ngokulinganayo.
Iphephandaba bhalisa apha ukuze ufumane iphephandaba lethu!
Ithala Onke amaphephandaba, isiqalo sethu kunye nezinye kwi-Wiki yethu!
i-awareNet yaziswa kwiilokishi zaseRhini!
ii-Cooperations ithuba lokusebenzisana ne-SAGE Net ukwenzela abancedisi!
Iintlanganiso Iintlanganiso zeQumrhu e-The Hague! (17/08/09)
Amalungu Amalungu ethu aqinisekisiweyo okuqala angamashumi amabini abhalisiwe. Iba lilungu nguku, nawe!
Follow us on