Village Scribe Association

Umbutho wophuhliso lolwazi oluphezulu nophuhliso kunxibelelwano kwezochwephesho

 

i-ECSPIRT Project

I-software enentsebenziswano yemfundo nencoko i-awareNet

i-software ebizwa ngokuba yi-awareNet – ehlanganiswa yi-eKhaya ICT – yeyalemihla, ingumhlanganisi wemfundo nencoko software eneqonga elikrelekrele elinika ukujonga okuzenzelekayo ukukhusela abayisebenzisayo. Ivumela abafundi bancokolisane kwindawo ekhuselekileyo, ikwabavumela ukuba bakhe iingxelo zabo nee-project (umxholo) emoyeni bechaza ngemo yabo okanye naso nasiphina isihloko abakholwa siso. Izakunika abafundi ithuba lokunxulumana nabanye abafundi abakufuphi nabangaphesheya kolwandle besahlulelana ngamava nolwazi, bebonisana nangee-project ezifanayo. Kulindeleke ukuba ixabiso lobakufundayo kwezizenzo zikhuthazayo luyakuba lukhulu ngokugqithisileyo yaye luyakukhokelela ekuphuculeni kakhulu indlela abaqhuba ngayo esikolweni kananjalo nootitshalo bahlale bekhona ngokuthembakeleyo narhoqo.

awareNet yaziswa okokuqala ngqo emveni koqeqesho lokuqala ngomhla wama-29 kuJanuary ka-2009 kwisikolo iZwelenqaba. Okwangoku iquka oku kulandelayo:

  1. Bullet abahlobo badibana ngeengxelo zabo, okutsha ngobume, nolwaziso, njalonjalo

  2. Bullet imibutho yengxoxo

  3. Bullet uluhlu lwemifanekiso yomntu neyamaqela

  4. Bullet ii-blog nokukhuliswa kwee-blog

  5. Bullet iincoko ezikhawulezileyo (intetho)

  6. Bullet iincoko zabazisebenzisayo (imbalelwano)

  7. Bullet ukulawulwa kwemifanekiso nee-file

  8. Bullet ukohlulelana ngekhalenda

  9. Bullet ii-project zentsebenziswano ukukhuthaza amaqela.

Ngoku ihlanganiswa nangakumbi ngentsebenziswano yabafundi ukuyisondeza kwiimfuno zabo ngelixesha befunda izakhono ezimqoka zokusetyenziswa kwee-computer. Oluhlobo lukhuthaza kakhulu ukuba abafundi basebenzisane ngengqwalasela, ngoba utshintsho lubonakala kwangoko. Okona kunomdla kukuba ukusebenza kwe-awareNet, ubukhulu becala, kuyakukhokelwa lulutsha olungenamava. Iindlela ezintsha ulutsha lwaseAfrika olucinga lungenza i-awareNet ibe sisixhobo esidumileyo, kunceda ukuzisa i-Afrika kwi-Internet ngendlela engazange ibonwe ikwenza nezizukulwana zolutsha lwase-Afrika lubenolwazi ngomphakathi wehlabathi. i-awareNet iyi-free/libre open source software (FLOSS).


Funda ngokubanzi ngenjongo yoMbutho Wabameli Belali, ngencoko yehlabathi kunye nendibaniselwano yemfundo kunye nobuqabane bezikolo  >>

i-ECSPIRT Training Program

Akuyantwana ukuqala isimo soqeqesho oluzimela. Ubani kufuneka aqinisekise ukuba wonke ubani okoluqeqesho uyaphumelela, awuphephe umgibe wokuwisa umxhelo wabantu ngenxa yokuba inxaso-mali iphelile ekugqibeleni. Kungoko, ukuhlawulwa kweetitshala kuphelela kwizibonelelo kwayekuquka ukwenza abafundi bazimele. Emveni kwethuba lasekuqaleni olwangezelelweyo lomsebenzi wootitshala noqeqesho lwabo, i-computer lab iyakusetyenziswa ngempumelelo ngabo bafundi baziqokeleleyo. Endaweni yokuwujongisa kwimali umbulelo, ixabiso lwenkqubela ngokwayo liyakhuthazwa, nto leyo elenza libenokuzimela kwaye kukho ithemba lwemvuno yexeshana neyexesh’ elide kubafundi bonke abakwinkqubo le.

Ootitshala, ngexesha lwezifundo nangelezifundo zasemva kwemini, basesebenzisa ezindawo ukuqeqesha iqela labafundi abazigqatsileyo kwi-curriculum ye-CAT ngokuhambisana nemfundo isikolo esinayo. Ababafundi bakuviwa ngolwazi lwabo kusetyenziswa inkqubo yoviwo eyakube ifakwe apha kwii-computer. Izibonelelo eziyakunikwa ootitshala ziyakulingana kama-kama necala elinye lomvuzo ocandwe kathathu okanye kane, oko kuxhomekeke kwinani labafundi abafumene iziphumo eziphezulu kuviwo olo. Nokuba uyijonga njani izibonelelo ziyakuba sisangezelelo esihle kwimivuzo yazo yaye ziyakubavuza ngokuchitha ixesha elingaphezulu esikolweni. Kwithuba lokuqala, uRon Wertlen we-eKhaya ICT uzakuchitha ubuncinane imvakwemini ezintandathu esikolweni nabo bazigqatsileyo. Olunye uqeqesho oluvela kwi-eKhaya ICT (kangangentsuku ezintathu enyangeni de ibe nguFebruary ka2009) luzakube luxhaswa ngemali yi-SELF, idyunivesity yaseRhodes mhlawumbi kunye ne-Internet Society (ISOC), apho ucelo lwemali lufakwe khona.

Kuthathwa kwiqela lokuqala abafundi abaphambili/abagqwesileyo bayakuchongwa baze bafumane uqeqesho olulodwa kwithuba elilandelayo. Bayakufundiswa ngootitshala ukuba bajongane befundisa izifundo ze-CAT kunye nendlela yokusebenzisa i-awareNet software. Iqela eliphambili  lizakuba lixakeke ngokuncedisa ekwenzeni i-awareNet software. Ngelithuba lesibini amaqela asebenza rhoqo azakube efumana uqeqesho ukuze aba baphambili bajonge ootitshala bafunde nangokuqeqeshwa kubo. Sizakukhuthaza indlela yokufundisa umntu emnye kwiindima zokwenza, apho abafundi beqeqeshwa kusetyenziswa ii-computer.

Sinenkolelo yokuba oluqeqesho lwakuba yimpumelelo njengokuba luzakuba lukhuthaza abafundi ukuba basebenze ngee-computer ngaphandle kootitshala, kananjalo bathabathele uqoqosho lokusebenzisa ii-computers ezandleni zabo. Lento iyakwandisa ukusetyenziswa kwee-computer labs ngoba ayizokufuna ootitshala babekho lonke ixesha. Ngaphezulu, iyakukhuthaza abafundi yaye yandise ukuzithemba kwabo, bezakuba nolwangezo kwingxelo yabo yobomi (CV), nto leyo eyakubanceda ngaphandle kwamathandabuzo ukuba bafumane imisebenzi xa bephuma esikolweni.

Ingcaciso nge-project    Umfuziselo Wethu    Inkqubela Yangoku

Ootitshala nabazali baseZwelenqaba SSS kunye nebhunga lase-eKhaya ICT

Abafundi baseZwelenqaba SSS phambi kwegumbi lokufundela labo